Romans 8:35 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngubanina oya kusahlula elutandweni luka‐Kristu? yimbandezelo na, bubunzima na, yintshutshiso na, yindlala na, bubuzé na, yingozi na, liṙele na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngubani na oya kusahlula eluthandweni lukaKristu?Yimbandezelo na, luxinaniso na, yintshutshiso na, yindlala na, bubuze na, yingozi na, likrele na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngubani na oya kusahlula eluthandweni lukaKristu? Yimbandezelo na, luxinaniso na, yintshutshiso na, yindlala na, bubuze na, yingozi na, likrele na?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngubani ke onokusahlukanisa nothando lukaKrestu? Yimbandezelo na? Yinkxwaleko na? Yintshushiso na? Yindlala na? Bubuzé na? Yingozi na? Likrele na?