Romans 9:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba, abantwana bengekazalwanga, bengenzanga nto elungileyo nekohlakeleyo kanjalo, ukuze imvume katixo ngokwoqasho ibe nokuma, ingengemisebenzi, koko ingalowo ubizayo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nakuba abantwana babengekazalwa, bengekenzi nto nelungileyo nembi, ukuze ingqibo kaThixo ngokonyulo ihlale ihleli, ingengokwasemisebenzini, ingokwalowo ubizayo:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
(Kuba abantwana bengekazalwa, bengenzanga nto ilungileyo, nokuba imbi, ukuze icebo likaThixo elingokonyulo lime, lingabi ngokwasemisebenzini, libe liphuma kulowo ubizayo);
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi abantwana bengekazalwa, bengekenzi nto, nokuba yelungileyo, nokuba yembi, uThixo wathi kuRabheka: “Omdala uya kuba ngumkhonzi womncinci.” Kaloku unyulo lukaThixo lusekelwe kubizo lwakhe, kungekuko nakuyiphi na into eyenziwa ngumntu;