Romans 9:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba isiba̔lo sisiti ku‐Faro: Ndakuvusela kwa kona oku, ukuba kuwe ndibonakalise amandla am, nokuba igama lam lishunyayelwe emhlabeni wonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba isibhalo sithi kuFaro, Ndakuvelisela yona le nto, yokuba ndiwabonakalalisele kuwe amandla am, nokuthi laziswe igama lam kulo lonke ihlabathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba isibhalo sithi kuFaro, Ndakuvelisela yona le nto, yokuba ndiwabonakalalisele kuwe amandla am, nokuthi laziswe igama lam kulo lonke ihlabathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku iziBhalo zithi kukumkani waseJiputa: “Ndakuphakamisa ukuze ndiwabonakalise ngawe amandla am, ize negama lam lidume, linwenwe kulo lonke ihlabathi.”