Romans 9:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Hai gxebe, mntundini! ungubanina wena opind’ ukupendula kutixo? Into edaliweyo iya kutsho na koyidalileyo ukuti: Yinina ukuba wandenza ngokunjalo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ehla ke, mntundini! Ungubani na wena, ukuba uphendulane noThixo? Into exonxiweyo ingatsho na kumxonxi Wayo ukuthi, Yini na ukuba undenjenje ukundenza?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ehla ke, mntundini! ungubani na wena, ukuba uphendulane noThixo? Into exonxiweyo ingatsho na kumxonxi wayo ukuthi, Yini na ukuba undenjenje ukundenza?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mntundini, kuxa ungubani wena ukuba ungade uphendulane noThixo? Into ebunjiweyo ingátsho njani kumbumbi wayo ukuthi: “Yini na ukuba undenjenje ukundibumba?”