Romans 9:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kwakuya kuti, endaweni apo bekutiwa kubo: Aningabo abantu bam; kwa kona baya kubizwa ngosapo lwotixo ohleliyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwakuya kuthi, apho kwabe kusithiwa kubo, Aningabantu bam nina, Babizwe apho ngokuthi, Ningoonyana bakaThixo ophilileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, apho kwabe kusithiwa kubo, Aningobantu bam nina; baya kubizwa khona ngokuthi, bangoonyana bakaThixo ophilileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, nakuloo ndawo kanye kwakusithiwa kubo: ‘Aningobantu bam nina;’ khona apho kanye kuya kuthiwa kubo: ‘Ningoonyana bakaThixo ophilayo.’”