Romans 9:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
abangama‐Sirayeli; ekukokwabo ubunyana, nobungcwalisa, nengcebano, nokunikwa kwomteto, nesikonzo, namadinga;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
abangamaSirayeli bona; ekukokwabo ukwenziwa oonyana, nokuzukiswa, nokuphiwa iminqoqhiso, nokuwiswa komthetho, nenkonzo kaThixo, namadinga;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoobani bona oonyana bakaSirayeli; ekukokwabo ukwenziwa oonyana, nokuzukiswa, nokuphiwa iminqophiso, nokuwiswa komthetho, nenkonzo kaThixo, namadinga;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaSirayeli la kaloku uThixo wawenza oonyana bakhe, wabubonakalisa kuwo nobuqaqawuli bakhe. Wenza iminqophiso nawo, wawanika umthetho neyona ndlela yonqulo, wawenzela kwanezithembiso.