Ruth 1:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Nahomi: Buyani, zintombi zam! kunganina ukuba niya kuhamba nam? baseko na onyana esizalweni sam, ukuba babe ngamadoda enu?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uNahomi, Buyani, zintombi zam; kungani na ukuba nihambe nam? Ndisenoonyana yini na embilinini wam, ukuze babe ngamadoda kuni?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uNahomi, Buyani, zintombi zam; nihamba nam na? Basekho oonyana esizalweni sam, ukuba babe ngamadoda enu?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Hayini, zintombi zam, godukani,” watsho uNawomi. “Kutheni nafuna ukuhamba nam? Niba ndingabe ndiphinde ndizale oonyana, nize nina nibe ngabafazi babo?