Ruth 1:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngenibalinda na bade bakule? ngenitintelwa ngabo na ukuze ningabi namadoda? hai, zintombi zam! ngokuba kubuṙaṙa kum kakulu ngenxa yenu, ukuba isandla sikayehova sipumele ngakum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
beniya kuthi ngenxa yoko nilinde bade bakhule, yini na?Beniya kuthi ngenxa yoko nizibambe ningabi namadoda, yini na?Hayi, zintombi zam; ngokuba kukrakra kunene kum ngenxa yenu, kuba isandla sikaYehova siphumelene nam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaba ubuya kubalinda bade bakhule? ungathanda ukuba namadoda? hayi, zintombi zam; kuba ndibuhlungu kakhulu ngenxa yenu kuba isandla sikaYehova siphume nxamnye nam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
beningade nilinde bade bakhule, ningendeli kwabanye abantu? Hayi, zintombi zam, imeko yam ikrakra kuneyenu, kuba mna uNdikhoyo ngathi undifulathele.”