Ruth 1:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bapakamisa ilizwi labo balila kanjako: wati u‐Oripa wamanga unondoda wake; kodwa u‐Rute wati nama kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baliphakamisa ilizwi labo, babuya balila. UOrpa wamanga uninazala; ke yena uRute wanamathela kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bawaphakamisa amazwi abo, babuya balila, uOrpa wamanga uninazala; kodwa uRute wamsindisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Babuya bathathisa kwakhona ukukhala oomolokazana bakaNawomi. UOrpa wamanga embulisa uninazala, kodwa yena uRute wathana nca noNawomi.