Ruth 1:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
apo uya kufa kona, kwa lapo ndiya kufa mna, nalapo ndiya kuncw̔atywa: uyehova makenje njalo kum, alekele ukwenje njalo, ukuba akukukufa okuya kundahlukanisa nawe kupela!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
apho ufela khona, ndiya kufela khona, ndingcwatyelwe khona.Makenjenje uYehova kum, aphinde ukwenjenje: kukufa kodwa okuya kundahlula nawe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kufela apho ufela khona, ndingcwatyelwe khona; Uya kwenjenjalo kum uYehova, nangakumbi, logama nje ukufa kusahlula kuni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiya kufa apho ufa khona, ndingcwatyelwe apho nam. *UNdikhoyo aze andihlisele elona shwangusha xa ndinokwahlulwa nto nawe; ewe, nditsho nokufa!”