Ruth 1:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Igama lalondoda belingu‐Elimeleki, negama lomfazi wayo ngu‐Nahomi, namagama onyana bayo bobabini ngu‐Mahalone no‐Kiliyone, ama‐Eferata ase‐Beteleheme‐juda. Bada bafika ezweni le‐Mowabi, bahlala kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke igama laloo ndoda lalinguElimeleki, igama lomkayo linguNahomi; amagama oonyana bayo babengooMalon noKiliyon, bengamaEfrata aseBhetelehem yakwaYuda. Baya ke elizweni lakwaMowabhi, baba khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Igama lale ndoda lalinguElimeleki, igama lomkayo lalinguNahomi, amagama oonyana bayo babengooMahalon noKiliyon bakumaEfrata aseBhetelehem yakwaYuda. Bafika ke elizweni lakwaMowabhi, bema khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Igama lale ndoda lalinguElimeleki; elomkakhe lalinguNawomi, oonyana benguMalon noKiliyon. BabengamaEfrayim awayemi eBhetelehem kwaJuda, baza baya kuma elizweni laseMowabhi.