Ruth 1:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo wabuya u‐Nahomi, no‐Rute um‐Mowabikazi, umolokazana wake, kunye naye, owabuya ezweni le‐Mowabi: baza bafika e‐Beteleheme ekuqalekeni kwokuvunwa kweṙalasi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuya ke uNahomi enoRute umMowabhikazi, umolokazana wakhe, owabuya elizweni lakwaMowabhi; bafika bona eBhetelehem ekuqalekeni kokuvunwa kwerhasi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabuya uNahomi enoRute umMowabhikazi, umolokazana wakhe, ekubuyeni kwakhe evela ezweni lakwaMowabhi; bafika eBhetelehem ekuqaleni kokuvunwa kwerhasi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwaba njalo ke ukubuya kukaNawomi evela eMowabhi, ehamba nomolokazana wakhe uRute umMowabhikazi. Kwakuxa kanye kuqaliswa ukuvunwa kwerhasi ukufika kwabo eBhetelehem.