Ruth 2:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wapendula u‐Bohazi wati kuye: Kukolisile ukushunyayelwa kum konke ukwenzileyo kunondoda wako emveni kwokufa kwendoda yako; nokokuba wabushiya uyihlo nonyoko, nelizwe lokuzalwa kwako, waya ebantwini wafudula ungabazanga:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula uBhohazi, wathi kuye, Ndiyixelelwe kakuhle yonke into oyenzileyo kunyokozala, emva kokufa kwendoda yakho; ukuba ushiye uyihlo nonyoko, nelizwe owazalelwa kulo, weza ebantwini obungabazi ngaphambili.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula uBhohazi, wathi kuye, Ndiyixelelwe yonke into oyenzileyo kunyokozala, emva kokufa kwendoda yakho, nokushiya kwakho uyihlo nonyoko, nelizwe owazalelwa kulo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UBhowazi wathi: “Ndivile ngawe ukuba ubumphethe kakuhle unyoko-zala, naxa umyeni wakho selengasekho. Ude washiya uyihlo nonyoko, nditsho namawenu la embala, weza kuhlala phakathi kwabantu obungazani nabo.