Ruth 2:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati: Mandifumane ufefe emehlweni ako, nkosi yam! ngenxa yokuba unditutuzele, nangenxa yokuba utetile kwintliziyo yesicakakazi sako, nangona ndingenjengaso esinye sezicakakazi zako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi yena, Mandibabalwe nguwe, nkosi yam; ngokuba undithuthuzele, ngokuba uthethe kakuhle nomkhonzazana wakho, ndingenjengomnye wabakhonzazana bakho nje.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Mandibabalwe nguwe, nkosi yam; ngenxa enokuba undithuthuzele, wathetha kakuhle kumkhonzazana wakho, nangona ndingenjengomnye wabakhonzazana bakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
URute wathi: “Ngenene, mhlekazi, unenceba; undithobe uvalo xa wenjenje ukuthetha nam ngobubele, mna sicakakazi sakho, naxa ndingoyena unganeno nakwizicakakazi zakho.”