Ruth 2:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati kanjalo u‐Bohazi kuye: Ngexesha lokudla, sondela apa, udle kwisonka, uncinde umtanyana wako kuyo iyasine. Waza wahlala pantsi ngasecaleni labavuni; wamnikela amaqashu; wadla, wahluta, wasalisa nokusalisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uBhohazi kuye, Ngexesha lokudla sondela apha, udle isonka, uncinde iviniga ngeqhekeza lakho. Wahlala phantsi ngasecaleni labavuni. Wamnika ikhweba; wadla, wahlutha, washiya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uBhohazi kuye, Ngexesha lokudla sondela apha, udle isonka, uncinde iviniga ngeqhekeza lakho. Wahlala phantsi ngasebalusi. Kweza kuye ingqolowa eyomileyo, wadla, wahlutha, wemka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuthe xa kutyiwayo, uBhowazi wathi kuye: “Yiz' apha, uthathe isonka, usithi nkxu kwiwayini.” Ke uRute wahlala phantsi kunye neentombi ezingabavuni; waza uBhowazi wamnika ugcado, watya wahlutha, kwada kwasala.