Ruth 2:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati akusuka ukuya kubikica, wandula u‐Bohazi wabayalela abafana bake, esiti: Makabikice kwa pakati kwezitungu, ningamdanisi:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wesuka ke waya kubhikica; uBhohazi waluwisela umthetho ulutsha olulolwakhe, wathi, Makabhikice naphakathi kwezithungu, ningamdanisi;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ke akuphakama ukubawa, uBhohazi wabawisela umthetho abakhonzi bakhe, wathi, Makabawe naphakathi kwabaninzi, musani ukumgxeka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ubuye waya kubhikica kwakhona uRute. UBhowazi yena wayalela izicaka zakhe, wathi: “Ze nimyeke ningamnqandi nokuba selebhikica ngasezithungwini.