Ruth 2:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wayitabata, wangena esixekweni; waye unondoda wake wayibona into ebicoliwe nguye: waza wakupa, wanika kuye oko abekusalisile emva kwokuhluta kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathwala, waya ekhaya; wayibona uninazala into ayibhikicileyo; wakurhola, wamnika abekushiyile akuba ehluthi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayithabatha ke, wangena esixekweni, wayibona uninazala into awayeyithabathile;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wayithwala wagoduka nayo, wayibonisa uninazala. Wamnika nokutya awayembekele kona kwisidlo sasemini.