Ruth 2:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti unondoda wake kuye: Wabikica pina namhla? ubusebenza pina? makatanyusanqelwe lowo obenokukwazi! Waza wamshumayeza unondoda wake lowo ubesebenza naye, wati: Igama lendoda bendisebenza nayo namhla ngu‐Bohazi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uninazala kuye, Ubhikice phi na namhla? Ubusebenza phi na? Makasikelelwe okubukileyo wena. Wamxelela uninazala umntu abesebenza kuye, wathi, Igama lendoda endisebenze kuyo namhla nguBhohazi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uninazala kuye, Ubusiya phi na namhlanje? kwaye ubusebenza phi? unoyolo lowo unikhathaleleyo. Wazisa umazala wakhe awayesebenza naye, wathi: Igama lendoda endandisebenza nayo namhlanje nguBoase.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNawomi wambuza wathi: “Ubhikice phi namhlanje? Ubusebenza kwabani? Wanga angasikeleleka lowo ukwenzele ububele.” URute wamxelela uninazala ukuba ubebhikica kumasimi kabani, esithi: “Ndisebenze entsimini yomfo ekuthiwa nguBhowazi.”