Ruth 2:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo wanamatela kuzo izicakazana zika‐Bohazi, ukuba abikice, kwada kwagqitywa ukuvunwa kweṙalasi nokuvunwa kwenqolowa; wahlala ke nonondoda wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wanamathela kumthinjana kaBhohazi, wabhikica, kwada kwagqitywa ukuvunwa kwerhasi nokuvunwa kwengqolowa; wahlala noninazala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wazimanya neentombi zikaBhohazi ukuba abhule, kwada kwagqitywa ukuvunwa kwerhasi nokuvunwa kwengqolowa; wahlala noninazala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
URute wancamathela kwezo ntombi zakwaBhowazi, ekhwahlaza kwada kwagqitywa ukuvunwa kwerhasi nengqolowa. Wayehlala no ninazala ngalo lonke elo xesha.