Ruth 2:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati u‐Bohazi kuye u‐Rute: Akuvanga na, ntombi yam? Ungayi ukubikica kwenye intsimi, kanjako ungesuki ku lendawo, uti unamatele apa ndawonye nezicakazana zam:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uBhohazi kuRute, Uyeva na, ntombi yam? Musa ukuya kubhikica ntsimini yimbi; kananjalo uze ungadluli apha;namathela wenjenje kumthinjana wam lo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uBhohazi kuRute: “Awuva na, ntombi yam? Musa ukunyuka uye kwelinye ilizwe, okanye ukusuka apha, kodwa hlala apha nosapho lwam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UBhowazi wathi kuRute: “Uyabona ke, ntombi yam, uzungemki apha, ungabi saya kubhikica kumasimi abanye abantu. Uze uncamathele kwiintombi ezi zisebenza kula masimi am.