Ruth 3:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lalisa apa obubusuku, kwakuya kuti kusasa, ukuba yena wokwenzela ngesiko lomkululi, kulungile; makenze ngesiko lomkululi: kodwa ukuba akatandi ukukwenzela ngesiko lomkululi, sendiya kukwenzela ngesiko lomkululi mna, njengokuba ehleli uyehova: lala pantsi kude kuse.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lala ngobu busuku; kothi kusasa, ukuba uthe wakukhulula ngentlawulelo, kulunge, makakukhulule ngentlawulelo; ke ukuba akathanga akunanze ukukukhulula ngentlawulelo, ndokukhulula ngentlawulelo mna, ehleli nje uYehova. Lala kude kuse.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lala ngobu busuku; kothi kusasa, ukuba uthe wayenzela indlu le, kulungile; makadlale indima yomkrexezi; ke ukuba akathanga anesabelo kuwe, ndiya kubelana nawe ngesabelo ngeNkosi ephilileyo; lala kude kuse.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lala apha obu busuku. Kusasa ngomso siya kuva kuye ukuba uya kuncedwa nguye na okanye hayi. Ukuba ùza kukhululwa nguye, koba kulungile; kanti ke xa kungenjalo, ndifunga uNdikhoyo ongasoze afe, ndim oya kukukhulula. Lala ke, ntombi yam, kude kube kusasa.”