Ruth 3:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yati kanjalo: Ete ingubo yapezulu epezu kwako, uyibambe. Wayibamba ke: yaza yazilinganisa izilinganiso ezitandatu zeṙalasi, yazibeka pezu kwake; yasuka yaya esixekweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yathi, Ethe ingubo yakho yokwaleka, ukhongozele.Wakhongozela ke ngayo. Yalinganisa izilinganiso zerhasi ezithandathu, yamthwalisa; wagoduka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabuya wathi, Sisondeze isigqubuthelo osigubungeleyo, sibambe; Wayibamba, walinganisa iiseha ezintandathu zerhasi, wamnika; waza wangena kuwo umzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UBhowazi wathi kuRute: “Yiza nengubo oyambetheyo, ukhongozele,” waza wagalela kuyo ingqolowa eninzi (malunga namashumi amabini eekhilogram) wamthwalisa wabuyela edolophini.