Ruth 3:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati: Hlala, ntombi yam! ude wazi ukuba yoti nina ukupela lendawo: ngokuba ingasayi kupumla indoda leyo, ingekagqibanga lendawo namhla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Hlala, ntombi yam, ude wazi okuya kuhla; kuba indoda leyo ayiyi kuphumla, ingakuphelisanga oku namhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandula ke wathi: “Yithi cwaka, ntombi yam, ude wazi ukuba kuya kuphela njani oku; ngokuba akayi kuphumla loo mntu, ade ayigqibe loo nto namhla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNawomi wathi: “Linda, mntan' am, kude kucace okuza kwenzeka; indoda leyo ayiyi kuphumla lo mcimbi ungafikanga esiphelweni sawo.”