Ruth 3:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti, nxa ilala pantsi, uze ugqale indawo apo iya kulala kona; uze ungene, uzihlube inyawo zayo, ulale pantsi; yaiya kukutyela into uya kuyenza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wothi, ukulala kwayo phantsi, uqonde indawo eye kulala kuyo, uye uyityhile ingubo ngasezinyaweni zayo, ulale phantsi;yokuxelela ke yona into owoyenza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa ithe yalala, yinyamekele indawo eya kulala kuyo, ungene, ugubungele iinyawo zayo, ulale; wokuxelela ke yena into omawuyenze.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa eya kulala uze uqaphele apho aya kulala khona, uye kutyhila ingubo, ungqengqe ngasezinyaweni zakhe. Yena ke wokuxelela ukuba makuthiweni na.”