Ruth 3:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Bohazi watya wasela nokusela, wati yakucwayita intliziyo yake, waya kulala pantsi esipelweni somlu: waza wangena kakuhle, wazihluba inyawo zake, walala pantsi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wadla uBhohazi, wasela, yachwayitha intliziyo yakhe; waya walala phantsi ekupheleni kwentlaba. Waya ke ecotha, wamtyhila ingubo ngasezinyaweni zakhe, walala phantsi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wakugqiba ukudla nokusela uBhohazi, yachwayitha intliziyo yakhe, walala ekupheleni kwesithungu; wayivula kakuhle imilenze yakhe, wamlalisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva kwesidlo sakhe, kunye nezinto zokusithoba zakhona, uBhowazi waziva echulumacha. Wahamba waya kulala emazantsi esitha. Walandela uRute, echwechwa, wafika watyhila ingubo ngasezinyaweni zikaBhowazi, wangqengqa.