Ruth 4:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WAZA u‐Bohazi wenyuka waya esangweni, wahlala pantsi apo: kekaloku bona ke, wadlula umkululi lowo u‐Bohazi ubetetile ngaye; waza wati kuye: Wa Nantsi! pambuka, uhlale pantsi apa. Wapambuka, wahlala pantsi ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku wenyuka uBhohazi, waya esangweni lomzi, wahlala khona; nanko egqitha umkhululi lowa abethetha yena uBhohazi;wathi, Wa, Nantsi, khawuphambukele apha, uhlale phantsi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
wenyuka uBhohazi, waya esangweni lomzi, wahlala khona; owathi kubo: Oh! Jika, uhlale phantsi apha. Uye wajika wahlala phantsi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wenjenjeya uBhowazi ukusinga kwindawo yembizo ngasemasangweni omzi, wafika wahlala phantsi. Esahleli apho, kwathi gqi isizalwana sikaElimeleki esingumkhululi, esiya wayethethe ngaso kuRute, wasibiza esithi: “Khawuz' apha, mfondini, uhlale phantsi.” Siyile ke, safika sahlala phantsi,