Ruth 4:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakanjako u‐Rute um‐Mowabikazi, umfazi ka‐Mahalone, ndimtengile abe ngumfazi wam, ukuvusa igama lofileyo pezu kwelifa lake, ukuze igama lofileyo linganqanyulwa kubo abazalwana bake, nasesangweni lomzi wake: ningamanqi̔na nina namhla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
noRute umMowabhikazi, umkaMalon, ndimzuzile ukuba abe ngumkam, ukuze kuvuswe igama lomfi elifeni lakhe, linganqanyulwa igama lomfi ebazalwaneni bakhe, nasesangweni lendawo yakhe: ningamangqina namhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo uRute, umMowabhikazi, umMowabhikazi, umMowabhikazi, ndamthenga, ukuba abe ngumkam, ukuze ndiphilise igama lomfi elifeni lakhe, lingacinywa igama lomfi phakathi kwabazalwana bakhe kunye noodade isango lendlu yakhe: namangqina namhla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaphezu koko umka-Malon, umMowabhikazi uRute, uza kuba ngumkam. Loo nto iya kwenza ukuba izinto zikamfi zihlale zizezakubo, lize negama lakhe lingaze licime kumawabo nasezimbalini zakowabo. Ningamangqina aloo nto ke namhlanje.”