Ruth 4:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza abafazi bati ku‐Nahomi: Makabongwe uyehova, ongakuyekanga ungabi namkululi namhla, ukuba igama lake lidunyiswe kwa‐Sirayeli:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi abafazi kuNahomi, Makabongwe uYehova ongakuyekelanga uswele umkhululi namhla; igama lakhe malivakale kwaSirayeli;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi abafazi kuNahomi, Makabongwe uYehova ongakuyekelanga ukuba uswele umntakwabo namhla, ogama lakhe laduma kwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abafazi balapho bathi kuNawomi: “Makabongwe uNdikhoyo ngokukupha umzukulwana onokujonga kuye! Belinga lingaba nodumo igama lakhe kwaSirayeli!