Ruth 4:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
waeya kuba ngumbuyisi wobomi kuwe, nomfunzeli wobudala bako: ngokuba umolokazana wako, okutandayo, emzele, lowo olungile kuwe ngapezu kwonyana abasixe̔nxe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
abe ngumbuyisi womphefumlo kuwe, nomnqaki wezimvi zakho;ngokuba umolokazana wakho okuthandayo, lowo ulungileyo kuwe ngaphezu koonyana abasixhenxe, umzele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yena uya kubuxhasa ubomi bakho, akugcine ebudaleni bakho, kuba ezelwe ngumolokazana wakho okuthandayo, lowo ulunge ngakumbi kuwe kunoonyana abasixhenxe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uya kubuhlaziya ubomi bakho, akulondoloze ekwaluphaleni kwakho. Umzalelwe ngumolokazana wakho okuthandayo noxabiso lakhe kuwe ligqitha ixabiso loonyana abasixhenxe.”