Ruth 4:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Bohazi: Ngomhla wokutenga kwako umhlaba lowo esandleni sika‐Nahomi, wowutenga nakuye u‐Rute um‐Mowabikazi, umfazi wofileyo, ukuvusa igama lofileyo pezu kwelifa lake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uBhohazi, Mhlenikweni uwuzuzayo umhlaba esandleni sikaNahomi, uwuzuza nakuRute, umMowabhikazi, umkamfi, ukuba uvuse igama lomfi elifeni lakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uBhohazi, Ngemini oyithengayo intsimi esandleni sikaNahomi, woyithenga nakuRute, umMowabhikazi, umfazi womfi, ukuba uvuselele igama lomfi elifeni lakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UBhowazi wathi: “Uze uqonde ukuba mhla wathatha laa ntsimi kuNawomi uthatha noRute, umka-mfi, ukuze lingaze licime igama lakhe kwilifa lakhe.”