Ruth 4:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati umkululi lowo: Andingezikululele mna, hleze ndilonakalise ilifa lam: zikululele wena inkululo yam; ngokuba ndikohlwa ukukulula mna.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi umkhululi lowo, Andinakuzikhululela ngentlawulelo ngokwam, hleze ndilonakalise elam ilifa. Zikhululele ngentlawulelo isilunga sam eso; ngokuba andinako mna ukuwukhulula ngentlawulelo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi umqokeleli, Andiyi kuzithabathela ngokwam, ukuze ndingalonakalisi ilifa lam; Hlukana nam; ngokuba andinako ukuyikhulula ngentlawulelo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe loo mfo: “Xa kunjalo ke mna andizi kuyithatha loo ntsimi, kuba ndiya kuba ndizifaka engxakini yokubeka umzi wam esichengeni. Ungayithatha wena; mna andinako.”