Ruth 4:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku eli libe li lisiko kudala, kwa‐Sirayeli, ngako ukukulula nokwanana, kuze kuqiniswe zonke izinto, lokuba war̔ola umntu isihlangu sake, wasinika kummelwane wake: bekusisinqi̔nelo kwa‐Sirayeli oku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku kwakusithiwa kudala kwaSirayeli, ukukhulula ngentlawulelo nokwanana, ukuze yonke into ibe iqiniselwe, ubani anyothule imbadada yakhe ayinike ummelwane wakhe; oko kwaye kububungqina kwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Le yayiyindlela kaSirayeli yosindiso nenguquko, eqinisekisa yonke into; umntu wakhulula imbadada yakhe, wayinika ummelwane wakhe; yaye oko kwaba ngumqondiso kwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaloo maxesha xa kuthengiswa okanye kunananiselwana umthengisi wayekhulula imbadada, anike umthengi. Ayebonakalisa ngaloo ndlela amaSirayeli ukuba umcimbi ugqityiwe.