Ruth 4:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Bohazi wati kubo abadala nabo bonke abantu: Ningamanqi̔na nina namhla, okuba nditengile konke okube kukokuka‐Elimeleki, nako konke okube kukokuka‐Kiliyone nokuka‐Mahalone, esandleni sika‐Nahomi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke uBhohazi kumadoda amakhulu nakubantu bonke, Ningamangqina namhla, ukuba ndikuthengile konke okukaElimeleki, nako konke okukaKiliyon noMalon, esandleni sikaNahomi;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uBhohazi kumadoda amakhulu nakubantu bonke, Ningamangqina namhla, ukuba ndiyithengile yonke impahla kaElimeleki, nekaKiliyon yonke, nekaMagalon, esandleni sikaNahomi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UBhowazi ubhekise kwababelapho kunye namadoda amakhulu, wathi: “Namhlanje nonke ningamangqina okuba namhla ndithathe konke okukaElimeleki kuNawomi. Nditsho nokukaKiliyon noMalon oonyana bakhe.