Song of Solomon 1:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndixelele, wena utandwayo ngumpefumlo wam! kupina apo walusayo? kupina apo ubutumisa kona emini enkulu? ngokuba kunganina ukuba ndibe njengogqubuteleyo, ngasemihlambini yamakolwane ako?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khawundixilele, wena uthandwa ngumphefumlo wam, Walusela phi na? Uyibuthisa phi na imihlambi emini enkulu? Ngokuba kungani na ukuba ndibe njengogqubutheleyo Ngasemihlambini yamakholwane akho?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wena uwuthandayo umphefumlo wam, ndixelele apho walusela khona, Walusela khona umhlambi wakho emini; kutheni ndifanele ndibe njengalowo waphambukayo emhlambini wabahlobo bakho?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khawutsho ke, sithandwa sam, ngaba walusela phi kakade? Ziphumla phi iigusha zakho emini? Ngani ukuba ndibe ngogqubutheleyo ndikufune phakathi kwemihlambi yezihlobo zakho?