Song of Solomon 4:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lumnandi kangakananina utando lwako, dade wam, mtshakazi! lulungile kangakananina utando lwako ngapezu kweveyine! nevumba lamafuta ako ngapezu kwezimnandi zonke!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Azi kuhle ukuncokolisa kwakho, dade wethu mtshakazi! Azi kumnandi ukuncokolisa kwakho ngaphezu kwewayini, Nevumba lamafutha akho ngaphezu kobulawu buphelele!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Hayi, ukuba ntle kwenceba yakho, dade wethu, mtshakazi! Lubeka phi na ke uthando lwakho ngaphezu kwewayini! nevumba leoli yakho elimnandi njengabo bonke ubulawu!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Awu, ndithe swii nguwe, mtshakazi wam, dad' ethu! Uthando lwakho lundanelisa ngaphezu kwewayini; nevumba lamafutha akho lingaphezulu kwazo zonke iziqholo.