Song of Solomon 5:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ikuhlangubo laso liyolile kunene; he, isiqu sonke sitandekile kakulu. Sinjalo isitandwa sam, ewe, sinjalo isihlobo sam, nina zintombi zase‐Yerusaleme!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ikhuhlangubo layo linobumnandi; inqwenelekile yona iphela.Yiyo leyo intanda yam; nguye lowo uwethu, Zintombi zaseYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umlomo wakhe umnandi; ewe, uthandeka ngokupheleleyo. Yiyo leyo intanda yam, nguye lowo uwethu, Zintombi zaseYerusalem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hay' ukuyola komlomo wakhe; ngenene isithandwa sam sinomtsalane. Sinjalo ke esam isithandwa, zintombi zaseJerusalem!