Song of Solomon 7:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Masiye kusasa emiyezweni, sibone ukuba umti weveyine uyaqumba na, ukuba intyatyambo ziyabenqeka na, ukuba igranate ziyahluma na: kona apo ndokunika utando lwam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Masivuke kusasa, siye ezidiliyeni, Sibone ukuba umdiliya unamathupha na, iintyantyambo zawo zibhenqekile na, Imirharnate ityatyambile na. Ndokunika apho izincokoliso zam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Masivuke kusasa, siye ezidiliyeni; Makhe sibone ukuba iidiliya zintshula na, ukuba zikhahlela na iidiliya; Ndoninika khona abandithandayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
sivuke kwanini, siye ezidiliyeni, ukuze sihlole ukudubula kwazo, sibone ukuba azikatyatyambi na, siqonde nokudubula kwemirharnati. Khona ndokuvava ngothando.