Song of Solomon 8:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NGUBANINA lo evela elubala, esayama kwisitandwa sake? Ngapantsi kwomti weapele ndavusa utando lwako: kona apo waba nenimba ngawe unyoko, kona apo waba nenimba o wakuzala yo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngubani na lo unyuka evela entlango, Esayama intanda yakhe?Ngaphantsi komapile lo ndakuvusa wena. Khona apha waba nenimba ngawe unyoko, Khona apha waba nenimba owakuzalayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngubani na onyuka evela entlango, aze ayame ngentanda yakhe? Ndakukhulisa phantsi kom-apile; kulapho wazalelwa khona unyoko; Wakuzalela khona owakuthwala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngubani lo uvela ngasentlango, uqhogene nesithandwa sakhe? Ndakuvusa phantsi kom-apile, apho wakhawulwa khona ngunozala wakho, apho waba nenimba khona owakuzalayo.