Song of Solomon 8:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Amanzi amaninzi akanakucima utando, nemisinga ayingelukukulise: ukuba umntu ebeya kunika yonke impahla esendlwini yake ngenxa yotando, inge igqityelwa ukudelwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Amanzi amaninzi akanakulucima uthando; Imilambo ayinakuluntywilisela. Ingafanelana indoda irhole bonke ubuncwane bendlu yayo ngenxa yothando, Ingadelwa ideliwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Amanzi amaninzi akanakulucima uthando;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Alungecinywa nangamanzi; alukhukuliseki naziimpuphuma. Xa unokulithenga ngobutyebi bonke bendlu yakho ungasuka ube sisigculelo.