Titus 1:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ongumlindi efanele ukuba abe ngonganikwa tyala lanto, njengokuba eligosa likatixo; angabi ngonenkani, angabi ngoqumba msinya, angabi ngohlala kade pezu kweveyine, angabi ngumbeti, angabi ngonxamela inzuzo embi,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba umveleli umelwe kukuba ngongenakumangaleleka, njengegosa likaThixo; angabi ngowenza ukuzithandela kwakhe;angabi ngoqumba msinya; angabi ngogeziswa yiwayini; angabi ngumbethi; angabi ngongxamela nzuzo imbi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba umveleli umelwe kukuba ngongenakumangaleleka, njengegosa likaThixo; ungengazithandi, ucaphuka msinya;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Njengesicaka sikaThixo inkokheli mayibe ngumntu ovunyiweyo ngesimilo. Mayingabi nguzwi-lakhe, okanye umntu onephuku; mayingabi linxila okanye indlobongela, ingabi ngumntu olithandamali,