Titus 3:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
XESHEKWENI ndiya kumtuma kuwe u‐Aratema, umhlaumbi u‐Tikikusi, nxamela ukuza kum e‐Nikopolisi: ngokuba ndigwebile ukuba ndiya kwenza ubusika kwa lapo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xenikweni ndithe ndathuma kuwe uArtemas, nokuba nguTikiko, khawuleza uze kum eNikopolis; kuba ndigqibe kwelokuba ndobudlulisa ubusika khona apho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa ndithe ndathuma kuwe uArtemas, nokuba nguTikiko, khawuleza uze kum eNikopoli; kuba ndigqibe kwelokuba ndobudlulisa ubusika khona apho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bakufika apho ooArtemas noTikiko, uze wena ukhawuleze undihlangabeze eNikopoli. Ndifuna ukuchitha ubusika khona.