Titus 3:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bonke abanam bayakubulisa. Bulisa abo basitandayo elukolweni. Ufefe malube nani nonke. Amene.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bayakubulisa bonke abanam. Babulise abo basithandayo ngokwaselukholweni. Ubabalo malube nani nonke. Amen.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bayakubulisa bonke abanam. Ndibulisele kwabasithandayo ngokwaselukholweni. Ubabalo malube nani nonke. Amen. (Yabhalelwa uTito, owamiselwa ukuba abe ngubhishophu wokuqala webandla lamaKrete, eNikopolis yaseMakedoni.)
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bayabulisa bonke abalapha kunye nam. Ndibulisele kubahlobo bethu abakholwayo. INkosi mayinenzele isisa.