Titus 3:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Linyanisekile elilizwi; nezizinto ndinga ungaqinisa ukutshoza ngazo, ukuze abo bakoliweyo kutixo bakatalele ukuku̔tala emisebenzini elungileyo. Zizo ezi izinto ezilungileyo nezinokunceda ebantwini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lithembekile ilizwi elo; nezo zinto ndinga ungaziqinisela, ukuze banyameke, benze imisebenzi emihle, abo bakholiweyo kuThixo. Ezo zinto zintle, zinokubanceda abantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lithembekile ilizwi elo; nezo zinto ndinga ungaziqinisela, ukuze banyameke, benze imisebenzi emihle, abo bakholiweyo kuThixo. Ezo zinto zilungile, zinokubanceda abantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Athembekile loo mazwi. Iingongoma endifuna uzibethelele ke, zezi: Abo bantu bathe bafikelela ekukholweni kuThixo, kufuneka benze imisebenzi emihle – ndithetha imisebenzi eluncedo nakwabanye abantu.