Titus 3:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa imibuzo ebudenge, neziba̔lelwa zokuzalwa, namapike, nezipikisano ngawo umteto, zinxweme; ngokuba zingenakunceda, zingendawo kanjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke yona imibuzo yobudenge, nemilibo yokuzalwa, neenkani, nokulwa ngawo umthetho, zinxweme, kuba azincedi lutho, asinto zanto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa yona imibuzo yobudenge, nemilibo yokuzalwa, neenkani, nokulwa ngawo umthetho, zinxweme, kuba azincedi nganto, zililize.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa zona iingxoxo zobuhiba uze uziphephe, neenkcukacha zeminombo, iimbambano, neengxabano ngomthetho kaMosis; zizinto ezingenamsebenzi ezo.