Zechariah 1:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo ndiqumbile ngokuqumba okukulu ngakuzo izizwe ezisekwonwabeni: ngokuba bendiqumbile kancinane kodwa, kanti zona zincedele ububi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndinoburhalarhume obukhulu kuzo iintlanga ezihleli ngokonwaba; ngokokuba bendinoburhalarhume mna umzuzwana, ke zona zongezelelela ububi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Andanelisekanga ncam ngabo baphumlayo beentlanga; ngenxa yokuba andikholiswanga kancinane, nabo ke bancedisa ekubandezelekeni kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke ndiziqumbele kakhulu izizwe ezixhamla ulonwabo. Bendingaqumbanga kakhulu, kodwa zona zisuke zayongezelela inkxwaleko.’