Zechariah 1:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandisiti: Ezi ziyeza ukwenza nto nina? Wayesitsho ukuti: Ezi zimpondo ezici̔tileyo o‐Juda, kwada akwabiko mntu owapakamisa intloko yake; kodwa ezi zize ukuzoyikisa, ukuwisa impondo zezizwe, ezapakamisa upondo ngakulo ilizwe lakwa‐Juda ukuba zilicite.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndathi, Aba baze kwenza ntoni na? Sathetha sathi, Ezi ziimpondo ezichithachithe uYuda, ngokokude kungabikho bani uphakamisa intloko yakhe: aba ke baze kuzothusa, baziwise phantsi iimpondo zeentlanga, eziphakamise uphondo ezweni lakwaYuda, ukuba zilichithachithe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndathi ke, Baya kwenza ntoni na aba bantu? Sathetha, sathi, Ezi ziimpondo ezachithachitha uYuda, akwaba sabakho uphakamisa intloko; yakwaYuda ukuba iyichithachithe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ndaza ke ndathi: “Ezi ngcibi zize kwenza ntoni na?” Waphendula wathi: “Ezi mpondo ngabo bachitha-chitha uJuda kangangokuba kungabikho bani unokuphakamisa intloko yakhe. Kambe ke iingcibi ezi zize kubarhwaqelisa; ziza kuzaphula iimpondo izizwe ezalifaka uphondo ilizwe lakwaJuda, labachitha-chitha abemi balo.”