Zechariah 1:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NGOWAMASHUMI mabini anesine umhla wenyanga yeshumi elinesinye, eyinyanga yo‐Shebate, ngowesibini umnyaka ka‐Dariyusi, leza ilizwi likayehova ku‐Zekariya, unyana ka‐Berekiya, unyana ka‐Hido, umprofite, lisiti:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngosuku lwamashumi omabini anesine lwenyanga yeshumi elinanye, inyanga enguShebhati, ngomnyaka wesibini kaDariyo, kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya unyana kaBherekiya, unyana kaIdo, umprofeti, lisithi,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomhla wamashumi amabini anesine wenyanga yeshumi elinanye, oko kukuthi, inyanga enguSebhati, ngomnyaka wesibini kaDariyo, kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya unyana kaBheregiya, unyana kaIdo umprofeti, lisithi,
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngomhla wamashumi amabini anesine kwinyanga yeshumi elinanye, nyanga leyo ekuthiwa nguShebhati, kwakuloo nyaka wesibini wolawulo lukaDariyo, ilizwi *likaNdikhoyo lamfikela *umshumayeli uZakariya unyana kaBherekiya unyana kaIdo.