Zechariah 10:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba iterafi zibe ziteta okungento, nabalauli bebebona ubuxoki; batyela amapupa angendawo, bafumana betutuzela; ngako oko bemka njengegusha, babandezelwa, ngokuba bekungeko umalusi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba imilonde-khaya ithethe into ebubutshinga, nabavumisi babone ubuxoki, balawula amaphupha enkohlakalo, bathuthuzela kwangamampunge; ngenxa yoko bakhokile njengomhlambi, bacinezeleka, kuba kungekho malusi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba izithixo ezinezothe ezinqulwayo zithethe ilize, nabaneshologu babone ubuxoki, baxela amaphupha obuxoki; bathuthuzela ilize; zahamba njengomhlambi, zoyika, ngokuba kwakungekho malusi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*Imilonde-khaya ithethe inkohliso, izangoma zibone imibono yobuxoki. Nabaphuphayo balawula imfeketho; suka benze intuthuzelo elambathayo. Abantu batsho babhadula njengeegusha; babandezelekile kukuswel' umalusi.