Zechariah 10:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Boba njengamagoṙa anyatelayo intshaba eludakeni lwezitarate ekulweni; babeya kulwa, ngokuba uyehova enabo, nabakweli bamahashe baya kudaniswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya kuba njengamagorha, enyathelela iintshaba zawo eludakeni lwezitrato, kusiliwa; balwe, ngokuba uYehova enabo;badane abakhweli bamahashe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baya kuba njengamagorha anyathela iintshaba zawo eludakeni lwezitrato, emfazweni; yaye baya kulwa, ngenxa yokuba uYehova unabo, nabakhweli-mahashe baya kuba neentloni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bonke ke boba ngamagorha, utshaba balunyhashe ezitalatweni ezinodaka. Baya kulwa ngobukroti, kuba uNdikhoyo ungakubo, bawatsho adane amajoni akhwele amahashe.