Zechariah 10:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo ndiya kuyomeleza indlu ka‐Juda, nendlu ka‐Josefe ndoyisindisa; ndobuya ndibahlalise, ngokuba ndinenceba kubo; babeya kuba njengokungati bendingabalahlanga; ngokuba mna Yehova ndi ngutixo wabo, ndandiya kubapulapula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kuyomeleza indlu kaYuda, ndiyisindise indlu kaYosefu, ndibahlalise; kuba ndisikwa yimfesane ngenxa yabo; boba ngangabo ndingabahlambanga, ngokuba ndinguYehova uThixo wabo ndobaphendula.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kuyomeleza indlu kaYuda, ndiyisindise indlu kaYosefu, ndibabuyise, baphile; kuba ndiyabasizela, kwaye baya kuba ngathi andibagatyanga; ngokuba ndinguYehova uThixo wabo, ndiya kubaphulaphula.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ndiza kuyomeleza indlu kaJuda, ndiyihlangule indlu kaJosefu. Ewe, ndoba nebuyambo ngakubo; kaloku mna ndinenceba ngabo. Boba ngathi zange ndibalahle. Kaloku mna ndinguNdikhoyo uThixo wabo, ndaye ke ndobaphendula.